



OKUNGAPHAKATH1
KuTyhiIa Ufunde kule nyanga......
Amabali Amafutshane U-Eskia Mphahlele - Amadoda makaphile
Ukufunda ukubhala nokufunda
Konke ngemali
lmisebenzi
Ezinye lzicwangciso Zeshishini

Ungcelele lwesondo Ulutsha oluthengisa uthando
Uthetho
Phambili nokunyamezelana
Ukhenketho IMpuma-.Koloni

Okuqhubeka emfundweni

lileta Zenu
Amanqaku emfundo akuTyhila Ufunde aveliswa yiMedia-inEducation neStreet Law Project. Amanqaka ahlelwa nguUna Seery. l-DTP nokuVeliswa kwayo kwenziwa nguDave Cockburn. Umfanekiso ongaphandle ufotwe nguNatal Newspapers







Bhotani Bafundi
Masenze umhla wama-27 kuApril, oyiFreedom Day, ibe yimini yokujonga iinguqu ezenzekileyo kweli lizweIethu lilawulwa ngurhulumente wedemokhrasi nezinye esisafuna ukuzibona.
lmfundo yeyona nto ibonwa ngabazali nangabafundi ifuna iinguqu. Ngo-1996 iSebe leMfundo lenze amacebo okucwangcisa ngokutsha imfundo nokuzama ukulungisa iziphoso zeminyaka edlulileyo. Oko siza kukubona apha ku-1997 ngokuqaliswa kweCurriculum 2005.
Zibandakanye kwiinguqu! Ziba negalelo emfundweni! Yiloo nto efunekayo kwidemokhrasi yethu entsha!




Ukhuphiswano							

Xela izinto ezimbini onokuzenza xa ubhengeza ishishini Iakho.
Igama                           ldilesa                          Ubudala             

Thumela Ie khuphoni incanyathiselwe kwipost-card kule dilesi:
Competition, Look and Learn, P O Box 35677, Northway, 4065. Luvalwa ngomhla wama-25 kuApril ka-1 997





lmimangaliso yobomi
Esi sihlomelo sibhalwe kwiphepa esiliphiwe ngabakweMondi
U-Eskia Mphahlele ngumbhali netitshala eyaziwayo. Esikolweni ezininzi aba-fundi bafunda incwadi ethi Down Second Avenue ebalisa ngobomi bakhe.
Kolu ngcelele sikuphathele amagcisa eloMzantsi-Afrika - sibhala ngobomi bawo





U
 -Eskia Mphahlele wazale lwa ePitoli ngo-1919 kodwa eseyinkwenkwe wakhulela eMaupaneng kufuphi nasePietersburg. Apho wayesa lusa iinkomo neebhokhwe. Wathi akuphumele iBanga kesi-3 waya kufunda eMarabastad ePitoli.
Waqala esemncinane ukuthanda ukufunda uEskia. Kodwa zazimbalwa iincwadi esikolweni sakhe. Ngoko wayezama ukufumana iimagazini namaphepha-ndaba amadala ukuze awafunde. lmfundo, ukufunda nokubhala kwakuzizinto ezibalulekileyo ebomini bakhe.
Akuphuma esikolweni uEskia waya kuqeqeshelwa ubutitshala eAdams College eThekwini. Ngo- 1952 wagxothwa ebutitshaleni kuba wayechasene neBantu Education Act. Wayesithi lo mthetho uvimba abantu abantsundu imfundo esemgangathweni.
UMphahlele waya kusebenza kwimagazini iDrum ukususela ngo-1955 ukuya ku-1957. Wayengakuthandi ukuba yintatheli ngoko akazange onwabe. Wagqiba ekubeni abhace kweli lizwe ukuze kwilizwe abhacele kulo afundise yaye abhale kwakhona.
U-Eskia wasebenza eNigeria, eFrance, eKenya, eMelika naseZambia. Kodwa wayekukhumbula eMzantsi-Afrika waza wabuya ngo-1977. Ukususela ngoko ubesebenza kwimfundo yabadala.
lmvelaphi kaEskia
Ibali elithi Man Must Live namanye abhalwa nguEskia Mphahlele esemncinane. Waphuma esikolweni kwiBanga lesi-8 kuba unina wayengaphilanga. Wenza imatriki esekhaya ebhala namabali amafutshane. Nasi isicatshulwa esithathwe kwibali elithi Man Must Live.
Kwakugaleleka uloliwe wokugqibela oya eRandfontein esikhululweni. Ukhalima wayecinga ukuba uloliwe usem-
va kwexesha. Mnye umntu owakhwelayo kuloliwe kwaza kwehla abantu ababini okanye abathathu. Ngoko ulolLwe akazange eme xesha lide.
Wathi akunduluka uloliwe elinye inenekazi laya kukhalima. Lalikhefuzela laza eltisma ngequbuliso. Lalibonakala likhathazekile kukushiywa nguloliwe.
Ukhalima waya kulo elo nenekazi. Wayelivela ngokushiywa nguloliwe. Ndiyathemba ukuba awusuki kude. Ukuba usuka kude, ube nelishwa kuba lo bekungutoliwe wokugqibela. Akukho loliwe wumbi uza kufika de kube ngu3.15 kusasa, watsho kulo.
Awuvunyelwa uhlale apha




Ngaba ukhalima ulithandile inenekazi alibonileyo? Ngaba uza kuphinda abonane noNksk. Masite kwakhona? Xa ufuna ukufumana iinkcukacha ezithe vetshe, thumeta ipostal order okanye itshekhi ye-R  yeMan Must Live kwaViva Books,  P.o. Box 28510.
lnkampani ephambili kweii ekuveliseni amaphepha okushicilela, awoshishino nawekufundisa



ebusuku, watsho uKhalima.
Wayethetha
nelo nenekazi, kodwa imithetho iyimithetho.
Elo bhinqa lathi Ndiza kuyaphi njengokuba
ndingazi mntu nje apha? Andazi, nam ndifuna
ukuva kuwe, watsho uKhalima kulo. Lalinendawana yokuba bukhali ilizwi lakhe. Emva koko walijonga elo nenekazi. Wayelijonge ngomdla elo nenekazi, nto leyo yamenza wacinga. Lalinxibe ibhatyi yemali enkulu nto leyo ibonisa ukuba Iinenekazi elime kakuhle. Kwakulinenekazi elinako ukuhamba-hamba ebusuku. Kodwa lilihle....
UKhalima wacinga ukuba makathini nangona oko kwakungenguwo umsebenzi wakhe. Wayemntu onovelwano ngelo nenekazi, waza wacinga icebo. Wayeza kophula imithetho kodwa ezimisele ukulinga. Wayeza kuchaza ukuba kukho into eyayimfaka engxakni.
Lalimjongile elo nenekazi ngokungathi lilindele ukuba makenze okuthile. Kwakubanda bengenako ukuma ixesha elide.
UKhalima walixelela into anokuyenza. Lwalamkela uncedo lwakhe elo nenekazi. Banyuka baya kwindlu owayehlala kuyo apho wayebase umlilo.
Lafika lahlala phantsi
inenekazi lazixelela ukuba liza kuhlala apho. Laqala loyika xa
uKhalima wayelixelela ngecebo lakhe. Kodwa laqonda ukuba akukho mfuneko yokuba loyike.
Kungekudala baqalisa ukuncokola. Eli nenekazi lalinguMsuthu, kodwa ekwazi ukuthetha isiZulu. Ukhalima Zungu weva ukuba elo nenekazi nguNksk. Sophia Masite. Wayengumhlolokazi. Wayenonyana ababini ne ntombi enye. Wayehlala nabantwana bakhe eRandfontein. Bancokola nangezinye izinto.
Kwishumi lemizuzu emva kwentsimbi yesithathu behla baya kuloliwe. Wathi wakuhamba uloliwe uKhalima waphindela emlilweni wakhe. Umlilo wawenze kwafudumala kakuhle endlwini yakhe.
Amadangatye omlilo ayefana nolonwabo lukakhalima.
Amadangatye ayengqina ukuba ubomi bufana nommangaliso owafunda ngawo esikolweni. ikhaphwethi yemilingo yayiku thwala ubhabhe phezu kweentaba, iintili eziluhlaza nemilanjana emihle. Yayikuthwala phezu kwamahlathi namathunzi obu mnyama apho wawucinga ukuba unokufa khona.
Yaye wawufika kwindawo enolonwabo enevumba leenty-atyambo, ungcamla iziqhalo esiswiti, ezikrakra nezixubileyo.




UNGCELELE LWESONO
Abantwana abathengisa
ngemizimba yabo
Ukuthengiso ngomzimba kwamabhinqa kuthiwa ngowona msebenzi mdala apha ehlabathini. Nokuba uthini na umthetho welizwe okanye abantu belizwe bayakuxhasa na okanye bachasene nokuthengiswa ngemizimba kwamabhinqa, kuyaqhubeka kona. Okona kubi kukuba kule mihla bayanda abantwana abathengisa ngemizimba. UTyhilo Ufunde uzama ukufumana isizathu soko



B
 ayanda abantwana abathengisa ngemizimba. Amanani abonisa ukuba kwezinye izixeko zaseMzantsi-Afrika, ama-40 ekhulwini oono ngogo baneminyaka engaphantsi kweli-18. Amaphepha-ndaba akhupha amanqaku ahambis umzimba okusetyenziswa kakubi, apho abantwana benziwa amakhoboka eendibano zesondo, bavalelwayo nabanyanzelwa ukuba balale namadoda amahlanu ngemini.
Ngamabali ahambis umzimba la. Kodwa kubantwana abaninzi ukuba ngunongogo kubafumanisa imali kunye neentsapho zabo. Bafumana imali efikelele kwi-R500 ngemini ngokuthengisa imizimba,
isiqingatha salo mali bayihlawula umntu obakhathalelayo.

intoni ebenza benze la
manyala?
Zininzi izizathu zokuba abant-wana babe ngoonongogo. Maxa wambi abantwana babaleka emakhaya kuba engqongqo okanye kumakhaya aneengxaki. Basenokuba babaleke ukuphathwa kakubi emakhaya - ngokwasemzimbeni, ngokwesondo okanye ukukhohlakalelwa.
Bakuhlala ezitratweni abantwana baba ngamaxhoba lula kuba kunzima ukufumana umsebenzi ukuze baziphilise. Kudla ngokuba kukuthengisa ngomzimba owona msebenzi
banokuwenza. Bakhetha lo msebenzi kuba kungekho nto yimbi banokuyenza.
Kodwa bunzima ubomi basesi-tratweni Oonongogo abaninzi bazinikela etywaleni nakwiziyobisi ukuze balibale ngeenkxwaleko zabo. Ezi zinto ziziindleko yaye bangena ekubeni ngoonongogo ukuze bafumane imali yokuziphilisa.
Kule nyanga uTyhila Ufunde uthethe nonongogo oneminyaka emithathu esenza Io msebenzi. Waqala eneminyaka elishumi nesithandathu. Simbuze ngobomi bakhe, nokuthi wangena njani kweli shishini.

Ukufumana unongogo
Kunzima ukufumana umntwana ongunongogo. lxesha elininzi bakhuselwa ngumgcini wabo. Sizamile ukuthetha noonongogo abadala abaqala basebancinane kodwa abanye bebengafuni ukukhwela kwimoto ebesihamba ngayo. Nathi besisoyika ukungena kumagumbi abo. Besicinga ukuba abantu ababakhethaleleyo bebengayi kuthanda ukuba bathethe nathi. Emva koko sidibene noPinky.



		BONA XHOSA - April 1997 3

	Nifundiswa ngephepha IakwaMondi Paper

